Injongo yalo Mthetho uSayilwayo kukubonelela ngenkqubo-sikhokelo apho iinkonzo zenkxaso yexhoba zinokubonelelwa ngazo kumaxhoba olwaphulo-mthetho lobundlobongela. Izama ukukhusela amalungelo amaxhoba kwaye iyalele ukuba bonke ababoneleli ngeenkonzo abajongene nexhoba baphathe ixhoba elinjalo ngesidima nentlonipho kungakhathaliseki ubumi balo, uhlanga, isini, inkcubeko, inkolo kunye neemeko zabo.
Lo Mthetho usaYilwayo ukwajonge ukuqinisekisa ukuba ixhoba liyancedwa ukuba lifikelele kwiinkqubo zeenkonzo zenkxaso yexhoba kunye neenkonzo ezivela kwiSebe kunye nababoneleli ngeenkonzo abafanelekileyo. Icacisa iindima noxanduva lwababoneleli-nkonzo abohlukeneyo kubonelelo lweenkonzo zokuxhotyiswa kwamaxhoba; ukunciphisa ukuxhatshazwa okwesibini; enze izibonelelo zamalungiselelo afanelekileyo eziko.
Ikwabonelela ngeenkqubo zamacandelo okanye iinkonzo zenkxaso ezifuna ukukhuthaza unikezelo lweenkonzo oluhlangeneyo ukulungiselela inkqubo yokuxhotyiswa kwamaxhoba; ukubhaliswa kwendawo; ukuvunywa kwayo nayiphi na inkqubo; ukuvavanya abasebenzi; kunye nobuncinane bemigangatho yokomelezwa kokhuseleko kwiindawo zababoneleli-nkonzo. Ubonelela ngenkqubo yobhaliso, ixesha lokusebenza kolo bhaliso kunye nohlaziyo lwalo. Ukwabonelela nokunqunyanyiswa kobhaliso kunye nokucinywa kobhaliso ngokuzithandela.
KHUPHELA AMAPHEPHA
KUSASAZO
UMthetho we-VSS uyinxalenye yesakhelo somthetho esibalulekileyo sikaRhulumente ekuzameni kwakhe ukulwa nolwaphulo-mthetho, ngakumbi ulwaphulo-mthetho olusekelwe kwisini nolunobundlobongela. Ngenxa yoko, ujonge ukubeka ixhoba phambili kwinkqubo yobulungisa bolwaphulo-mthetho ukuqinisekisa ukuba amalungelo asebenzayo kumenzi wobubi nawo anelungelo kwixhoba.
Okwangoku inkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho igxile ngakumbi kumalungelo omntu obanjiweyo okanye otyholwayo ngokuhambelana necandelo lama-35 loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ngelixa ugxininiso olulinganiselweyo lubekwe kumalungelo amaxhoba. Ikwafuna ukuqalisa ukuzisa ingqalelo yeenkundla intsingiselo yecandelo le-9 loMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, 1996 elithi “wonke umntu uyalingana phambi komthetho kwaye unelungelo lokhuseleko olulinganayo kunye nokufumana inzuzo umthetho.” Amaxhoba obundlobongela obusekelwe kwisini, ke ngoko, afuna olu khuseleko kunye nenzuzo yomthetho ngendlela efanayo edluliselwa kubenzi bobubi.
Lo Mthetho uYilwayo uqala ukuqaphela ukuba amaxhoba afumana ukuxhatshazwa okwesibini , ngoko ke udala ukuthintelwa koko. Uchaza ukuba ukuxhatshazwa okwesibini akukho mthethweni kwaye kufuneka kuthintelwe ngamaxesha onke ngokusebenzisa inkonzo yethu.
UMthetho we-VSS uchaza iinkonzo ezahlukeneyo ekufuneka zinikwe amaxhoba xa kuthelekiswa neenkonzo ezithunyelwa kubatyholwa. Uchaza iinkonzo zabachaphazelekayo abahlukeneyo ngokwegunya labo kunye nobuchule babo. Oku kuquka iinkonzo zenkxaso yengqondo ye-DSD ezinxulumene nokubonelela ngeenkonzo zokuhlala.
UMthetho we-VSS ukhuthaza ngokukodwa ukumelwa kwexhoba ngokusemthethweni . Ubiza uRhulumente ukuba anyamezele iindleko zomthetho zexhoba kwiimeko apho amaxhoba afuna ukumangalela umtyholwa ngomonakalo. Ukwakhuthaza ababoneleli ngeenkonzo kumaxhoba ukuba baqinisekiswe ukuqinisekisa ukuba iinkonzo zabo ziyahambelana nemigangatho njengoko imiselwe liSebe loPhuhliso lweNtlalo kuzo zonke izibonelelo. Oku kuya kubandakanya ukuqinisekisa ukuba abasebenzi bezibonelelo bavavanywa kwiirejista ezikhoyo umzekelo iRejista yoKhuseleko lwaBantwana (i-CPR) kunye neRejista yeSizwe yoLwaphulo-mthetho lwezeSondo (i-NRSO) ukukhusela amaxhoba.
