INGXELO. UMlawuli weSizwe weNyukliya ucele uluvo loluntu, izichaso okanye igalelo kwisicelo esenziwe ngu-Eskom Holdings SOC Limited seLayisensi yeSiza soFakelo lweNyukliya (i-NISL) kwisiza sase-Thyspunt.
I-NNR ithatha iindibano zovakaliso-zimvo njengenxalenye exatyisiweyo nebalulekileyo yenkqubo yokukhutshwa kweelayisenisi kwaye ikhuthaza intatho-nxaxheba yoluntu kunye nokubandakanyeka.
NCEDA QAPHELA: Isicelo se-NISL esifunyenwe yiNNR silinganiselwe kwi Uvavanyo lokufaneleka kwesiza sase-Thyspunt kufakelo olutsha lwenyukliya.
4222 izimvo zinikezelwe (ivaliwe nge-31 kaJulayi 2021)


[IVALIWE] Yiba nelizwi lakho - lungisa isiphumo.
I-NNR izibophelele ekuqhubeni uxanduva lwayo lolawulo ngendlela evulelekileyo neselubala nokugcina uluntu lusazi ngemisebenzi yayo yokongamela.
Siyawuqonda umdla woluntu kulawulo olunobulungisa lwemisebenzi yenyukliya kwaye ke ngoko sibonelela ngamathuba kubemi abachaphazelekayo ukuba baviwe. I-NNR ithatha iindibano zovakaliso-zimvo njengenxalenye exatyisiweyo nebalulekileyo yenkqubo yokukhutshwa kweelayisenisi kwaye ikhuthaza intatho-nxaxheba yoluntu kunye nokubandakanyeka.
Ngokungqinelana necandelo lama-21 loMthetho weSizwe woLawulo lweNyukliya (uMthetho onguNombolo 47 ka-1999), nawuphi na umntu onokuchatshazelwa ngokuthe ngqo kukunikezelwa kwelayisenisi yofakelo lwenyukliya ngokungqinelana nesicelo ngokwecandelwana (1) okanye (2), ingenza iinkcazo-ntetho kwiBhodi, malunga nempilo, ukhuseleko kunye nemiba yokusingqongileyo enxulumene nesicelo.
Ukuba iBhodi inoluvo lokuba enye ingxoxo yoluntu iyafuneka, inakho ukwenza amalungiselelo okumanyelwa kwezempilo, ukhuseleko kunye nemiba yokusingqongileyo njengoko igqiba.


