isishwankathelo

Ukubonelela isixa-mali esongezelelweyo kwiimfuno zeSebe lamaShishini kaRhulumente ukuncedisa i-Eskom Holdings SOC Limited ngezibophelelo zayo zezemali 5 kunye nokubonelela ngemiba enxulumene noko.

MAWUMISELWE yiPalamente yeRiphablikhi yoMzantsi Afrika ngolu hlobo lulandelayo:
ULUHLUKO LWEMALI EYONGEZELELWEYO
IIMFUNO ZAMASHISHINI KARHULUMENTE

(1)(a) Isixa-mali I-R59 yeebhiliyoni ngokwenjenje yabelwa kwiSizwe
INgxowa-mali yeNgeniso yeemfuno zeSebe lamaShishini kaRhulumente, apho;
(i) I-R26 yeebhiliyoni yeyonyaka-mali wama-2019/2020; kwaye
(ii) I-R33 yeebhiliyoni yeyonyaka-mali wama-2020/2021.
(b) Imali echatshazelwe kumhlathi (a) kufuneka idluliselwe kwa-Eskom kunyaka-mali ngamnye ukuncedisa u-Eskom kwizibophelelo zakhe zemali.

(2)(a) Ngokuxhomekeke kuMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, ka-1999 (uMthetho onguNombolo 1 ka-1999), igosa elinika ingxelo leSebe lamaShishini kaRhulumente kufuneka lidlulisele ku-Eskom isixa-mali ekubhekiselwe kuso kwicandelwana.
(1), kwizabelo nakwimihla ebekwe nguMphathiswa wezeMali, ethathela ingqalelo ubume bemali buka-Eskom njengoko bungqinwe nguNondyebo weSizwe.
(b) Ngenjongo yokukhuthaza ukwenziwa kwezinto elubala nolawulo olusebenzayo lwesixa-mali ekubhekiselwe kuso kwicandelwana (1), uMphathiswa wezeMali, ngembalelwano—
(i) inokumisela imiqathango ekufuneka ihlangatyezwe nguEskom phambi kokuba nayiphi na inxalenye yesixa-mali idluliselwe;
(ii) malibeke imiqathango ekufuneka ihlangatyezwe ngu-Eskom emva kokudluliselwa kwayo nayiphi na inxalenye yesixa-mali; kwaye
(iii) kufuneka ayeke ukusetyenziswa kwayo nayiphi na inxalenye yesixa-mali ekuye kwamiselwa imiqathango ngayo ngokomhlathana (ii), de loo miqathango ifezekiswe.
(c) UNondyebo kaZwelonke kufuneka achaze ukumiswa kolwabiwo ngokwemigaqo yomhlathi (b)(iii) kwingxelo yayo yekota elandelayo kwiKomiti eSisigxina yezeMali yeNdibano yesiZwe nakwiKomiti eKhethekileyo yezeMali yeBhunga lesiZwe lamaPhondo. .
(d) Nayiphi na inxalenye yesixa-mali ekubhekiselelwe kuso kwicandelwana (1) engagqithiselwanga kwa-Eskom ekupheleni konyaka-mali ofanelekileyo ibuyela kwiNgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe.