UMthetho osaYilwayo ubonelela ngolawulo olufanayo lweentlawulo zophuhliso. Iintlawulo zophuhliso yintlawulo ekhutshwa kube kanye ehlawuliswa ngumasipala kumnini womhlaba njengomqathango wokwamkelwa kwesicelo sophuhliso lomhlaba. Zinyanzeliswe ukuba zihlawule iindleko ezenziwe ngumasipala xa kufakwa iziseko zophuhliso ezitsha okanye ekuphuculweni kweziseko ezingundoqo ezifunekayo ukunika inkonzo kuphuhliso olucetywayo.
Uhlaziyo oluphambili olungeniswa ngoMthetho-siHlomelo oYilwayo:
1. Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo useka isiseko esicacileyo, esinobulungisa nesiguquguqukayo sokuba oomasipala bafumane iintlawulo zophuhliso kuzo zonke iiprojekthi ezintsha zophuhliso lomhlaba ezifuna ulwamkelo olusemthethweni ngenkqubo kamasipala yocwangciso lokusetyenziswa komhlaba.
2. Injongo yoMthetho oYilwayo woLungiso kukunyusa isixa kunye nokuqikelelwa kwengeniso yentlawulo yophuhliso, ukunika bobabini oomasipala nabaphuhlisi ingqiniseko nengqiniseko engaphezulu yokuba iindleko zeziseko zophuhliso ziyahlawulwa ngabasebenzisi bayo. Isiganeko sentlawulo sikwabonakala ngokukhawuleza njengoko umnini-mhlaba ehlawula kwaye, ukuya kuthi ga kwinqanaba lemarike evumelayo, umnini-mhlaba uya kudlulisela ezi ndleko kumthengi wepropati ethengisiweyo.
3. Lo Mthetho uYilwayo uqinisekisa ukuba iindleko zeziseko zophuhliso zikamasipala ezifunekayo ukunika inkonzo kuphuhliso lomhlaba omtsha (kuquka ugxininiso losetyenziso lomhlaba) zihlawulwa ikakhulu ngabaxhamli bawo ngqo. Oku kukhuthaza imithetho-siseko yokulungelelaniswa kweendleko kunye nezibonelelo kunye nobulungisa phakathi kwezizukulwana (oko kukuthi umthwalo wentlawulo yeziseko ezingundoqo) uyashenxiswa kubahlawuli berhafu abakhoyo ukuya kubanini-mhlaba kunye nabasebenzisi abatsha beziseko ezingundoqo, abathi babonelele ngezimali oku ekuhambeni kwexesha ngokuboleka kwabucala.
4. Lo Mthetho uYilwayo unciphisa umda weenkonzo zobunjineli kwezo sele zichaziwe kwinkcazo yeenkonzo zobunjineli ezibonelelwa kuMthetho woCwangciso loMhlaba noLawulo lokuSetyenziswa koMhlaba (SPLUMA). Oku kukubonelela ngamanzi, ugutyulo, umbane, iindlela zikamasipala, imijelo yamanzi esitshi, irhasi nokuqokelelwa kwenkunkuma eqinileyo kunye nokuthuthwa okufunekayo ngeenjongo zophuhliso lomhlaba. Nangona kunjalo, inqanaba elithile lokuguquguquka libonelelwe ukuba oomasipala bahlawulise iintlawulo zophuhliso kwezinye iinkonzo zobunjineli ezingachazwanga kwi-SPLUMA ngokubonelela umasipala ukuba enze isicelo kuMphathiswa wezeMali sokwandiswa kweenkonzo ukuba zibandakanywe ekubalweni kweentlawulo zophuhliso.
5. UMthetho osaYilwayo wenza isibonelelo sokuxhaswa okanye ukukhululwa kweendidi ezithile zabanini-mhlaba kunye nophuhliso lomhlaba ekuhlawulweni kweentlawulo zophuhliso. Nakuba kunjalo, apho umasipala egqibe ekubeni avumele ukhululo kwintlawulo yophuhliso, kufuneka achonge omnye umthombo wengeniso ukuxhasa ngemali iziseko ezingundoqo ezinxulumeneyo.
6. Iziseko zoncedo ukulungiselela amakhaya ahluphekayo zixhaswa ngemali yifiscus ngokugqithiselwa kweegranti ezinemiqathango. Ke ngoko, iintlawulo zophuhliso aziyi kuba nefuthe kubantu abahluphekayo.
Izibonelelo zokurhafisa iintlawulo zophuhliso
1. Iintlawulo zophuhliso ziqinisekisa ukuba iziseko ezingundoqo ezifunekayo ukunika inkonzo kuphuhliso olutsha zihlawulwa ngabaxhamli ngokuthe ngqo, ukuze abahlali abakhoyo bangaqhubeki bexhasa uphuhliso olutsha.
2. Iintlawulo zophuhliso zenza ukuba oomasipala babonelele ngeziseko zophuhliso kwangexesha nangendlela eyaneleyo ngaloo ndlela bexhasa uphuhliso loqoqosho.
3. Iintlawulo zophuhliso zibonelela ngomjelo wengeniso othembisayo ukuxhasa ukuboleka kweziseko zophuhliso. Apho umasipala wabolekayo ukuze abonelele ngeziseko zophuhliso kwangethuba, iintlawulo zophuhliso zinokusetyenziselwa ukuhlawula eli tyala, nto leyo eya kuthi icuthe iintlawulo zezemali kwiirhafu kunye nokunciphisa umthwalo weendleko kubahlali abakhoyo.
4. Nangona intlawulo yophuhliso isisixhobo semali inempembelelo yendawo. Iintlawulo zophuhliso zinako ukukhokela ucwangciso ngokukhuthaza ukwanda kwedolophu okuqhubela phambili iipateni zokungalingani kwesithuba. Ngamanye amazwi, iintlawulo zophuhliso zinganceda ukukhuthaza uphuhliso olungaphuhliswanga ngokupheleleyo (okt ukuphuhlisa kwiindawo apho iziseko zophuhliso sele zikhona) kunye noxinaniso. Oku kuya kuqalisa ukubuyisela umva ukunatyiswa koxinano oluphantsi olungazinzanga lweendawo zokuhlala ezisezidolophini nakwimimandla ekufutshane nedolophu.
5. Iintlawulo zophuhliso zikhuthaza ucwangciso oluhlangeneyo nohlahlo lwabiwo-mali phakathi kwamanqanaba karhulumente ngokuqinisekisa ukuba icandelo ngalinye lihlangabezana neendleko ezipheleleyo zobonelelo lweziseko zophuhliso. Oku kuya kuphunyezwa ngokufuna ukuba amanye amanqanaba karhulumente alungelelanise izicwangciso zawo zophuhliso nezo zikamasipala. Apho uphuhliso nokuba lukazwelonke okanye lwephondo lukarhulumente luwela ngaphandle kweendawo ezibekwe phambili ngokubaluleka okanye izicwangciso zikamasipala, luya kubangela intlawulo yophuhliso.
