Isishwankathelo – CIB

Ukubonelela ngolawulo olusebenzayo lweendlela zokwaluka ngokwesintu; ukubonelela ngokusekwa kweKomiti yeSizwe eyongamele uLwaluko kunye neeKomiti zoLungelelaniso loLwaluko lwePhondo kunye nemisebenzi yazo; ukubonelela ngoxanduva, iindima nemisebenzi yabathathi-nxaxheba abohlukeneyo ababandakanyekayo kwizenzo zokwaluka ngolo hlobo okanye kwimiba yolawulo; ukubonelela ngolawulo olusebenzayo lwezikolo zokwaluka; ukubonelela ngamagunya olawulo oMphathiswa neeNkulumbuso; ukubonelela ngokubeka esweni ukuphunyezwa kwalo Mthetho; ukubonelela ngezinto ezikhethekileyo zephondo; kunye nokubonelela ngemiba enxulumene noko.

UKUQALA
NJENGOKO uMgaqo-siseko uvuma—
● ilungelo lobomi;
● ilungelo lemfezeko emzimbeni nasengqondweni;
● amalungelo abantu okonwabela inkcubeko yabo;
● amalungelo abantu okuseka, ukujoyina nokugcina imibutho yenkcubeko; kwaye
● amalungelo abantwana okukhuselwa kwimpatho-gadalala, ukungahoywa, ukuxhatshazwa okanye
ukuthotywa;

KWAYE NJENGOKO ulwaluko lwesintu lusenziwa luluntu oluninzi eMzantsi Afrika njengesenzo esingcwele nesihlonitshwayo, kwaye kwezinye iimeko kuthathwa njengesithethe sokudlulela ebuntwini obukhulu;

KWAYE NJENGOKUBA ulwaluko lusimbonakaliso yeembono, izinto ezixabisekileyo kunye neminqweno yomntu ngamnye kunye noluntu, ebonakaliswa kukhutshelo lweemfundiso ngenkcubeko, isithethe nentlonipho (ingakumbi kumanina nakubantu abadala);

KWAYE NAKUBA—
● Isithethe sokwaluka sixhomekeke kwimpatho-gadalala enokuthi kwiimeko ezininzi
kukhokelele kumonzakalo omandundu, kwanokufa kwabakhwetha;
● izikolo zolwaluko azilawulwa ngokufanelekileyo;
● Imithetho esele ikhona ijongene kuphela nemiba ethile yolwaluko ingekuko
ulwaluko ngokubanzi; kwaye
● ezinye izikolo zolwaluko zisebenzela ukufumana imali kuphela ngaphandle kokuxhalabela impilo-ntle yabakhwetha;

KWAYE NAKUBA—
● urhulumente unoxanduva lokukhusela ubomi babakhwetha;
● urhulumente unoxanduva lokumisela izithethe nemigangatho ekufuneka yenzeke phakathi kwayo isiko lolwaluko;
● bonke abathathi-nxaxheba ababandakanyekayo kulwaluko kufuneka baphendule ngokwahlukeneyo
uxanduva, imisebenzi, iindima nemisebenzi;
● inkqubo yesithethe yolwaluko kufuneka, apho kuyimfuneko, iguqulwe ukuze ibonise iinqobo zomGaqo-siseko, ngakumbi imigaqo equlethwe kuMqulu wamaLungelo; kwaye
● bonke abathathi-nxaxheba banoxanduva lokubuyisela imfezeko nokuba semthethweni kwesithethe sokwaluka;

KWAYE NJENGOKUBA uMgaqo-siseko ubonelela ukuba umthetho wesizwe okanye wephondo ungabonelela ngemiba yenkcubeko;