ISixeko saseKapa siye sacelwa ukuba sandise iindawo zokupaka ezilawulwayo kwiindawo apho kukho imfuneko enkulu yokupaka ezitalatweni. 'Indawo yokupaka elawulwayo' ithetha ukuba isiXeko sihlawulisa umrhumo wokusetyenziswa kwebheyi yokupaka esitalatweni nokuba intlawulo imiselwa ngexesha apho ibheyi ihlalwa. Izithintelo zexesha zikwasebenza kwezi ndawo. Funda ngakumbi ngezantsi:
Amabhungana, abanini bamashishini, kunye nabahlali abasuka kwizithili zoshishino ezikumbindi kunye neendawo zokuzonwabisa ezidumileyo ezifana neCamps Bay neMuizenberg bacele ukuba isiXeko siphande ngokwandiswa kweendawo zokupaka ezilawulwayo kwezi ndawo ngenxa yokwanda ngokukhawuleza kwemfuno yokupaka ezitalatweni.
Injongo yeendawo zokupaka ezilawulwayo - ukuhlawulisa intlawulo yokusetyenziswa kwendawo yokupaka nokuphumeza izithintelo zexesha - kukuqinisekisa ukuguquguquka kweendawo zokupaka ukuze abatyeleli bafumane ithuba lokufikelela kwiindawo ezithandwayo kunye nezibonelelo ngexesha leeyure zokusebenza.
Kucetywa ukuba abo bapaka kwiindawo zoshishino kumbindi bahlawuliswe ngemizuzu eli-15; nokuba abatyeleli kwiindawo zokuzonwabisa bahlawuliswe ngeeyure ezintathu. Amaxesha olawulo asusela ngo-08:00 ukuya ku-17:00 phakathi evekini, yaye ukususela ngo-08:00 ukuya ku-13:00 ngeMigqibelo.
IsiXeko siceba ukwandisa indawo yokupaka elawulwayo kwezi ndawo zilandelayo:
· Camps Bay (IBhungana 16) [jonga isicwangciso]
· Umbindi weDurbanville (IBhungana 7) [jonga isicwangciso]
· Muizenberg (IBhungana 19) [jonga isicwangciso]
· De Waterkant (IBhungana 16) [jonga isicwangciso]
· Kenilworth (IBhungana 20) [jonga isicwangciso]
· Newlands and Rondebosch (Ibhungana 20) [jonga isicwangciso]
· IiGardens, eKloof, izitalato ezininzi kumbindi waseKapa (IBhungana 16) [jonga isicwangciso]
· Gallows Hill (IBhungana 16) [jonga isicwangciso]
Abahlali baza kufumana ithuba lokuvakalisa izimvo zabo ngesi siphakamiso ukususela ngomhla we-13 kweyeNkanga ukuya kowe-13 kweyoMnga yowama-2019.
'Ndikhuthaza abahlali ukuba bathathe inxaxheba kule nkqubo. Sifuna ukwazi iimbono zenu, kwaye sifuna igalelo kangangoko ukuze sikwazi ukumisela imfuneko kunye nenkxaso yesi sindululo,' litshilo iLungu leKomiti kaSodolophu weSixeko kwezoThutho, i-Alderman Felicity Purchase.
Olu lwazi lulandelayo luya kufumaneka kwiwebhusayithi yeSixeko, kwii-ofisi zamabhungana achaphazelekayo, kunye namathala eencwadi:
· Iimephu ezibonisa iindawo kunye nezitrato eziyinxalenye yesindululo
· Uluhlu lwemibuzo malunga namava okupaka abahlali kwiindawo eziyinxalenye yesindululo
KHUPHELA AMAPHEPHA
- ICLEI - UKhetho lwezoThutho oluZinzileyo
- Camps Bay (IBhungana 16) [jonga isicwangciso]
- Umbindi weDurbanville (IBhungana 7) [jonga isicwangciso]
- Muizenberg (IBhungana 19) [jonga isicwangciso]
- De Waterkant (IBhungana 16) [jonga isicwangciso]
- I-Kenilworth (iBhungana 20) [jonga isicwangciso]
- INewlands neRondebosch (iBhungana 20) [jonga isicwangciso]
- IGardens, eKloof, izitalato ezininzi kumbindi weKapa (IBhungana 16) [jonga isicwangciso]
- I-Gallows Hill (IBhungana 16) [jonga isicwangciso]
