isishwankathelo

DearSA-Enviro_Ingcaphephe

Kuyimfuneko ukuba urhulumente woMzantsi Afrika angenelele kwaye anganikeli nje impembelelo ekuqondweni kweemvakalelo zezilwanyana ngumthetho wethu, kodwa aphucule umgangatho wokhuseleko olunikwa izilwanyana eMzantsi Afrika. UMzantsi Afrika, ilizwe elihamba phambili xa kuthethwa ngokuqatshelwa nokukhuselwa kwamalungelo oluntu, ufumene inqaku elithi “E” nguKhuseleko lweZilwanyana lweHlabathi. Le NGO yezizwe ngezizwe ifumanise ukuba uMzantsi Afrika uyasilela ngokubhekiselele ekuzibopheleleni kwawo ekuphuculeni nasekunikezeleni izibonelelo kwintlalontle yezilwanyana, ngokunjalo ngokubhekiselele kuphuhliso lwemithetho yokubonelela ngokhuseleko olwaneleyo lwezilwanyana.

Ngokwendlela ekuyo ngoku, uMthetho siHlomelo osaYilwayo woKhuseleko lweZilwanyana, wowama-2020 (“uMthetho osaYilwayo”) ke ngoko ujonge ukuhlomela iMithetho emibini,

  • uMthetho woKhuseleko lweZilwanyana, ka-1962, (uMthetho onguNombolo 71 ka-1962) (“uMthetho woKhuseleko lweZilwanyana”), kunye
  • uMthetho wokuTya, izithambiso kunye nezibulali ntsholongwane, ka-1972 (uMthetho onguNombolo 54 ka-1972) (“uMthetho wokuTya kunye neZithambiso”).
  • Esi sihlomelo sijonge ukuthintela ukuthengiswa nokwenziwa kwezinto zokuthambisa eziye zavavanywa kwisilwanyana kwiRiphabhliki kunye nokwenza kube lulwaphulo-mthetho uvavanyo lwezithambiso kwizilwanyana.

Sivakalelwa kukuba kufuneka ibandakanye ngakumbi.