Intengiso
Isibhengezo – skrolela ezantsi


2311 Izimvo zisiwe kuNondyebo (ivaliwe nge-11 kaFebruwari 2024)
cofa ikhonkco ngolwazi oluthe kratya
UMphathiswa wezeMali, uMnu Enoch Godongwana, wenze iNtetho yoHlahlo-lwabiwo-mali lweSizwe ngomhla wama-21 kweyoMdumba ngowama-2024.
Ulwabiwo lohlahlo lwabiwo-mali lujolise ekulinganiseni ukulingana phakathi kokukhulisa uqoqosho nokuxhasa abo babuthathaka phakathi kwemithombo yobutyebi enyiniweyo.
Kukule meko ke apho uMphathiswa uGodongwana wamema abemi boMzantsi Afrika ukuba babelane ngeengcebiso zabo ngoHlahlo-lwabiwo-mali. Ungaphawula kwi:
-
- imali kamasipala
- inkcitho ephambili kurhulumente
- ukulungisa intsilelo enkulu yohlahlo lwabiwo-mali
- ukuzinzisa iimali zeQumrhu eliMnini-mbuso
- ukulawula ingxaki yamandla
- ingeniso yerhafu
- ukuzinza kwetyala.
Yiba nelizwi lakho – lungisa uhlahlo lwabiwo-mali. [IVALIWE]
Umphathiswa wesebe lezimali uEnoch Godongwana umemelele abemi boMzantsi Afrika ukuba baveze iingcebiso zabo malunga nohlahlo lwabiwo mali lwesizwe.
UMphathiswa uza kwenza iNtetho yoHlahlo-lwabiwo-mali lweSizwe kweyoMdumba yowama-2024.
Abantu banokungenisa iimbono zabo malunga nezimali zikamasipala, inkcitho ephambili kurhulumente, ukulungisa intsilelo enkulu yohlahlo lwabiwo-mali, ukuzinzisa iimali zamaqumrhu karhulumente, ukulawula ingxaki yamandla, ingeniso yerhafu kunye nokuzinza kwamatyala.
Umhla wokuvala ukungeniswa yi-11 February 2024.
“Uhlahlo lwabiwo-mali lujolise ekulinganiseni phakathi kokukhulisa uqoqosho nokuxhasa abo basesichengeni phakathi kwezibonelelo ezinqongopheleyo. Kukule meko ke apho uMphathiswa uGodongwana amema abemi boMzantsi Afrika ukuba babelane ngeengcebiso zabo ngohlahlo lwabiwo-mali. UMphathiswa uGodongwana ulijonge ngamehlo abomvu igalelo lenu,” litshilo iSebe lezeMali ngoMvulo.
Abemi bayakhuthazwa ukuba bagcine iminikelo imfutshane yaye ingqale.


